I-Freedom Front Plus (FF+)nebizwa ngokuba yi-Afrikaans: Vryheidsfront Plus, VF+ ngesibhulu ngumbutho wezopolitiko eMzantsi Afrika. Inkokheli yawo ngu-Gq. Pieter Groenewald.

Imbali ngalo mbutho tshintsha

IFreedom Front Plus yafunyanwa ngomhla woku-1 kweyoKwindla (ngoMatshi) ngomnyaka ka-1994, ufunyanwa ngamalungu azibiza okokuba ngama-Afrikaaner phantsi kukaConstand Viljoen. Into kaViljoen yaabhalisa lo mbutho we-Freedom Front Plus kwikomishini yokhetho ezimeleyo (I-IEC) ngomhla wesi-4 eKwindla (NgoMatshi) ka1994, ukuze amalungu alo mbutho akwazi ukuthabatha inxaxheba kunyulo luka olwaluzakubanjwa ngenyanga kaTshazimpuzi (kaApreli) ka1994. Ngomhla we-12 kweyoKwindla ngo1994, uViljoen wanikezela ngoxwebhu olwalunoluhlu lwamagama abagqatswa bombutho wakhe kwi-IEC, ngeliqinisekisa okokuba umbutho wakhe uyakuthabatha inxaxheba kunyulo oluzayo. Ngeli xesha enza yonke le migudu okaViljoen ukwangumsebenzi obambe isikhundla esiphezulu kwi-ofisi yamajoni aseMzantsi Afrika.

Iinkokheli zawo tshintsha

Okangoku zimbini iinkokheli zalo mbutho.

U-Constand Viljoen tshintsha

Njengoko sele sichazile apha ngasentla, le kwakuyingqonyela yenkokheli yeFreedom Front Plus. Ngubani kanye lo mfo?

UNjengele Constand Viljoen SSA SD SOE SM wazalwa ngomhla wama-28 kweyeDwarha ngo1933, ezalelwa eStanderton, eMpumalanga E-Mzantsi Afrika. Eli khwahla laye liyiKomanda likwangumpolitiki waseMzantsi Afrika. Kuyo yonke into lo mfo uyanconywa ngokuthintela uqhambuko lomlo nobundlobongela ngezigalo obabulindelekile kwicala labemi abamhlophe ababebonakala bengonelisekanga konke-konke lunyulo olwaluzakubanjwa okokuqala emva korhulumente wengcinezelo. Lo mfo utshate nenzwakazi u-Christina Sussanna Heckroodt, kwaye banabantwana abahlanu kulo mtshato, amadodana amane nentombi enye vo.

Inkonzo yakhe eMkhosini njengeJoni tshintsha

Ngo1951, U-Viloen upase ibanga lematriki e"Standerton High School". Ngo-1956, uye waba lilungu lombutho womkhosi waseMzantsi Afrika owawucetywa ngo1956. Uthe esakufumana isidanga sakhe kuphando kwezoMkhosi wamaJoni esifumana kwiYunivesithi yasePretoria, wakhwetyelwa kwisikhundla esiphakamileyo sokongamela indlela emakusetyenzwe ngayo ngumkhosi wamaJoni eMzantsi Afrika ngo 1976. Akubanga kudala ngo uViljoen wonyuselwa waba yingqonyela kumkhosi wamaJoni aseMzantsi afrika. Ngo1977 waphinda wonyuselwa waba yi-"Principal Chief of Staff" de kwango1980 apho waziphosa kumfo uMagnus Malan iintambo nje-SADF chief"

Inxaxheba yakhe kwi"Angolan Service" tshintsha

Lo ka-Viljoen wayebambe isikhundla esiphezulu kwakhona kumkhosi wamaJoni e-SADF owawuthabatha inxaxheba kumsebenzi owawubizwa ngokuba yi"Operation Savannah wango1975. Ukwaziwa kakhulu ngezicwangciso zakhe awazenzayo ngohlaselo lokuqala olwenziwa ngolunya nolubizwa ngokuba yi"major airborne assault hlaselo olo lwalubizwa ngokuba yi"Cassinga. Kaloku olu hlaselo kwakuliphulo lokuhlasela abaqhankqalazi bombutho i-SWAPO. Emkhulu enjalo ngokwesikhundla sakhe emsebenzini, lo kaViljoen wayekho kudushe lomlo, apho wanikezela ngento eyayibizwa ngokuba yi"swashbuckling", iinkokheli ezazimi kumgca wokuqala front-line leadership which won him the respect of many fellow Afrikaners.[5]

Inxaxheba yakhe kwezoPolitiko tshintsha

OkaViljoen unconywa kakhulu ngabantu abathile ngegalelo lakhe elakhokhelela ekubeni abamhlophe bayamnkele inkqubo entsha kawonke-wonke yonyulo olukhululekileyo. Kudlwabevu lwentetho yakhe awayenza kwindibano yonyaka ehlala ibanjwa minyaka ekuthiwa yile I-Broederbond annual assembly e-Voortrekkerhoogte . Kukule ndibano apho lo kaviljoen wathetha ngesiBhulu ebhekisa kumajoni antsundu aseMzantsi Afrika esithi - As hulle kan veg vir Suid-Afrika, kan hulle stem vir Suid-Afrika! Oko kuthetha ukuthi "Ukuba bangayilwela i-South Afrika, loo nto ithetha okokuba bangayivotela i-South Afrika.” Ngonyaka ka-1993 oka-Viljoen noogxa bakhe ababesele besidla umhlala-phantsi baqhulunqa umbutho ekuthiwa yi-Afrikaner Volksfront (Umbutho wama-Afrikaner), umbutho owenzelwa ama-Afrikaner. Kodwa yonke le mizamo yakhe uViljoen yenza okokuba bungabibuhle ncam ubudlelwane phakathi kwakhe namanye amaqela ama-Afrikaner.






Iziphumo zonyulo tshintsha

Iziphumo zonyulo kuzwelonke tshintsha

Iziphumo zonyulo looMasipala tshintsha