Elona gama lesiNguni esibizwa ngaso esi silwanyana "yimbuzi". Abantu abaninzi bayakuthi eli gama lelesiZulu. Kanti hayi khona, belisayakusetyenziswa ngabo bonke abantu abantetho yabo isisiNguni. Kwathi ke ngenxa yefuthe lolwimi lwesiBhulu kumaXhosa, kwasetyenziswa eli gama lithi 'Ibhokhwe'

Ibhokhwe

Ibhokhwe nenkomo zizilwanyana zasekhaya ezibaluleke kakhulu kubantu bemveli baseMzantsi Afrika. Bekuhlalwa kusenziwa ngazo imicimbi enje ngamasiko ekuhlaleni. Ubuyakusoloko usiva kuthethwa ngebhokhwe xa kusenziwa imicimbi yekhaya emincinane. Kanti ke yona inkomo ibibaluleke nangaphezulu kuba kaloku ibixhelwa xa kukho imicimbi emikhulu. Iigusha ezi ziyafika zize nabelungu yiyo le nto kuthiwa ngamadlagusha.

Mandulo phaya umntu omnyama wayengayifaki kowakhe umlomo igusha, eyicekisa, kuba kaloku wayengayazi. Nditsho nehagu le iyafika kweli lizwe, yayingekho mandulo. Yibhokhwe negusha ezona zilwanyana bezixhelwa, zityiwe.

na zasendle kuba