"''Akukho Nkwal'iphandel'el'enye, ephandel'enye yenethole''"

Eli qhalo lelona lisekuhleni, kuba lelona lihlala libonakala ngemisebenzi yalo nakwezi zasekhaya iinkwalisithi ukuzibiza ziinkukhu. Yonke inkukhu uhlobo lwayo kukuziphandela. Kuthi ukuze iphandele ezinye ibe kuxa ingumdlezana, kuba yonke into eyivumbulula emazaleni, nokuba kuphi na, iyibizela amantshontsho ayo. Kukwanjalo nakwezasendle. Ke eli qhalo lisetyenziswa ngabantu ngohlobo lokuba nakomkhulu kudala umntu ubephandela abakhe oonyana izikhundla zobuphakathi; kuthethwe ngokuba bona ngababuselweyo nguyise, babizwe ngokuba "ngabantwana bogaga," ibe oko ikukuthi ugaga obelusandlalwa nguyise lubafanele, ubuphakathi kwanewonga likayise. Bekungenxa yakhe nangabakowabo, abafake emicimbini elunge naye, abagosise, babeyimisila, abe ngokwenjenjalo ebaphandela kuba esele eyinkwali enkulu yena, esel'iwazi amazala, bona bengamathole akhe. Sekunjalo ngoku nakwabasebenza emlungwini. Ulowo xa engumfo ophambili, nokuba kukuwuphi na umsebenzi, iindawo ezilungileyo uziphandela abakowabo phambi kokuba azinike abanye, kuba eyinkwal'enkulu kuloo ndawo. Waye ngokwenjenjalo uphandela amantshontsho asekeleze yena, ngobugosa bakhe kubelungu bakhe. Livele kwiindawo ezinjalo eli qhalo, lithandwa kunene zizo zonke izizwe ezintsundu.