Eli qhalo lizekelwe kwisiziba ebekuthi xa kusikwa ingubo yenkomo, zithi zakuba zinganele kakuhle ezo zilunguleyo, ke kufunyanwe kubanjiswe ngesisityana nokuba sesinjani, ize sibuye siqhaqhwe kwakufumaneka esona sisiso. Igama leso ke kubanjiswe ngaso, bekuthiwa nguQelezana, oko kukuthi,"ngunobambiso," ngumhambi, yinto yasemzini, ngumphambukeli.

Ke namhla selithethwa kwizinto ezininzi, kuba kusithiwa ukuba umntu uthe ukuwuma kwakhe umhlaba akaqiniseka kuwo, kuthiwe akahleli, usabhekabheka, usafunzele phambili, akarholi nerhafu zawo, kuthiwe lo mntu usenguQelezana, usafana neso siziba sakudala. Namhlanje izizwe ezimnyama, ebezingabanini balo mhlaba, sezingooQelezana kuwo, kuba sezihleli nje ngentaka echophe esebeni lomthi, ingaqinisekile apho iyakulala khona ngomso; ngoko ke zinje ngeso siziba sakudala, singuQelezana, kulo mbuso wanamhla, kuba ziqhaqhwa kalula emalungelweni ombuso eziphantsi kwawo.