"Ukuzalwa wedwa ngumlu wanyama"

Eli qhalo lithethwa mhla kukubi, kulusizi. Lidla ngokuthethwa ngumntu, nokuba ngabantu abayekelweyo, nokuba kuserhamncweni, nokuba kusempini, ekuthi xa amanye amadoda aabuyelana eluhlwini, ngokuzalana kwawo, xa athi nokuba nguwuphi na oxakiweyo, nokuba ngowenzakeleyo kuwo, avakale ewabiza ngooyise, mhlawumbi ngesiduko sakowawo, athi akuthi,:- "Ndingasala nabani, wakoobani, mabandla akwaban?" abuye lawo akowabo nokuba sekunjani aye kufela ndawonye; athi kungenjalo amophule lowo ebeselefile, ukuba ayivelanga mizalwana yakhe, mhlawumbi impi yeziko lakowabo. ImiDange yakhe yamhlutha uTsili ngaloo nto kanye, eselesisiwa eRhini, elikhonkxwa, ngemfazwe yezembe, laathi ilawu awayeqhanywe nalo alinqumla isandla ngomkhonto, emka naye uTsili lowo, lathi kuba lalingenabani wakowalo lashiywa lisimayile, laba "ngumlu wanyama" ke ngoko. Ukuba "mlu wanyama," kukuba sisisulu sabantu bonke, kuba yinto ebiba namaqasho amaninzi alungele iintlobo-ntlobo zabantu, kude kube kwabasemzini; waye ukwasisisulu soozimpethu. Kutshiwo ngoko ke emaXhoseni, :-"Ukuzalwa wedwa ngumlu wanyama."