I-Abuja ngundlunkulu wedolophu yaNigeria. Izinze kumbindi weNigeria, kwFederal Capital Territory (iFCT). I-Abuja sisixeko esicwangcisiweyo,[1] kwaye sakhiwa ngeminyaka yooo1980. Yathi yabekwa ngokusesikweni njengedolophu engundlunkulu ngomhla we-12 KweyoMnga ngo1991, ithatha indawo yeLagos, nangona kunjalo le ndawo isathathwa njengesona sixeko sithandwa kakhulu. Nge-census ka2006, esi sixeko saseAbuja sasinabantu abangama776,298,[2] loo nto ke yasenza okokuba ibesisixeko seshumi kwezithandwayo eNigeria. I-Abuja iye yanabantu abaninzi abangena kuyo; oku kwanda koluntu lwenze okokuba kubekho iidolophu ezisebenza ngesatellite ezinjengeKaru Urban Area, iSuleja, iGwagwalada, iLugbe, iKuje neendawo ezincinane ezihlala abantu apho le dolophu icwangcisiweyo yanda khona. Indawo kwisixekokazi engekho mthethweni eAbuja inoluntu olungaphaya kwezigidi ezintathu kwaye iyeyesine kwezakhe zankulu eNigeria, ibe ke yodlulwa kuphela yiLagos, iKano kunye neIbadan.

Nigeria's National Assembly in Abuja.

Abuja

  1. "Life of poverty in Abuja's wealth" news.bbc.co.uk (BBC News, Tuesday, 13 February 2007) 2007-02-13 retrieved 2007-08-10 
  2. Cite error: Invalid <ref> tag; no text was provided for refs named plac