Amanqindi ngomnye wemidlalo emidala nenomtsalane kwihlabathi lonke jikelele. udla ngokubanjelwa kwisazinge baze bathi abadlali bamanqindi ababini (abathabatha inxaxheba kulo mdlalo) banxibe iigloves ezenzelwe lo mdlalo baze babethane. Zimbalwa iindlela zokuphumelela kumdlalo wamanqindi. Enye yawo kukuphumelela ngokulalisa ngophotho, apho ke kuxa umdlali ebethwe wawa phantsi imizuzwana elishumi engephindanga avuke. enye indlela kukubethwa ngetechnical knockout, apho ke umdlali engenakuphinde aqhubeke nokulwa okanye xa unompempe ewumisile umdlalo. Okunye okungenzeka kukuphumelela ngamanqaku, athi afunyanwe ngusomanqindi ngokulwa kwakhe nomnye umdlali wamanqindi ngokuthi ambethe izihlandlo ezininzi, embetha kakhulu, emchana. kukho nokulingana kwamanqaku kumdlalo wamanqindi. usompempe usenokumemezela ukulingana kwamanqaku ngenxa yengozi ethe yadala ukukrazuka kwendawo ethile komnye wabadlali okanye ngenxa yenxeba elithe lenzeka ngengozi, njengenxeba elisentloko. Ngokomthetho oku akukhalazelwa. kodwa, kumjikelo wesibini, okanye kowesine kwezinye iindawo, ukuba amanqaku ayalingana macala omabini, umlo kufuneka ubizwe nje ngonamanqaku alinganayo. umdlalo wamanqindi uthandwa kakhulu kwihlabathi jikelele.

umdlalo wamanqindi wodidi oluphezulu kubonakaliswa uRicardo Domínguez esilwa noRafael Ortiz
Abadlali bamanqindi kwilwandle lase Thekwini.

Iintshatsheli zomdlalo wamanqindi tshintsha