Amaqumrhu abafundi kwiiDyunivesithi zeli lomzantsi Afrika abafaka igalelo kuphuhliso lwee lwimi

tshintsha
 
Amalungu eQumrhu i Xhosa Students Association


I Xhosa Students Association ephantsi kwe Dyunivesithi yase Freystata liqumrhu labafundi abantetho isisiXhosa abamele ukugcinwa kwenkcubeko, izithethe, ulwimi lwesiXhosa kwakunye nolwazi lwemveli. Aba bafundi bavule eliQumrhu ngonyaka ka 2021 kodwa alizange libe nafuthe de kube ngunyaka ka 2024 apho lithe lakhula de lafikelela kumakhulu amahlanu enani labafundi. Eliqumrhu liziqaja ngokuphakamisa kakhulu ulwimi lwesiXhosa kumhlaba apho bancinane ngokwenani, umsebenzi wabo omhle uthe wathabatha iintliziyo zabo bayithandayo inkqubela phambili ze wapapashwa kwiphepha okanye i webhusayithi ye Dyunivesithi. Olumanyano lwabafundi lubalelwa kwamanye amatshantliziyo amele ukuhlonitswa kweendlela zakwantu. [1]

Eliqumrhu labafundi lilithemba lokubuya kwe Afrika kwiinkolelo zaseNtshona ezithe zabathimba abantu abamnyama. Inene livuselela nethemba kubazali abangenathemba kulutsha kuba kwiminyaka yangoku ulutsha aluzinanzanga izithethe amasiko nkqu neelwimi zabo. Namhlanje abantu abatsha bamjongela phantsi umntu othetha ulwimi lwenkobe, kubo kubangathi abafundanga okanye basemva kwisisimanje-manje. Ezingcinga okanye indlela yokubona izinto idalwe kukulandela iindlela ezeza noondlebe zikhanyilanga. i Xhosa Students Association ithembisa ukukhuthaza abantu abatsha ukuba bayithande imvelapho yabo, kuquka ukuxabisa ulwimi lwabo.[2] catehory:Xhosa Students

  1. "Sanity on the campus" Chemical & Engineering News Archive 47 (25): 5 1969-06-16 ISSN 0009-2347 doi:10.1021/cen-v047n025.p005 
  2. "News Archive" www.ufs.ac.za retrieved 2024-06-20