Deda mhlangala endaweni yenyhwangi

UMhlangala neNyhwangi ziinyamazana eziphants'ukufana ngezimilo zomzimba nemilomo yazo ukuba ziintshuntshute, koko noko nzahlukile ngamabalanange ziqu zazo. Eli qhalo laaqala kubazingeli namangqawa abehlala ewabona ukweyisana kwawo loo marhamncwa, aqonda kakuhle ukuba uMhlangala uyoyiswa yinyhwangi, ngangokuba uthi yakufika iNyhwangi apho ubukhona selusuka udeda umka kulii ndawo. Liqhalo athi akufika umntu omkhulu akufika kuhleli umntwana nokuba ngumntu amoyisayo, athi kuye "Deda mhlangala endaweni yenyhwangi."