ITranskei ngommandla waphesheya kweNciba ongumphumela wolawulo lwengcinezelo woMzantsi, apho uRhulument wengcinezelo owayelawula phambi konyaka ka-1994, wathi wohlula ulawulo ngokwamathanag ngenjongo yokuthintela ubunye kubantu abaNtsundu. Ngenxa yoku ke kwathi kwahlulwa phakathi kweCiskei kunye neTranskei, apho abemi bale mimandla babengavumelekanga ukutyelelana ngaphandle kwepasipoti. Iinkokheli ezininzi zomzabalazo wenkululeko ezifana notata u-O. R. Tambo, utata uNelson Mandela, uNjengel Bantu Holomisa nabanye, ziphuma kulo mmandla weTranskei.