INDIMA YOMNTWANA OYINKWENKWE KWAXHOSA


Umntwana oyinkwenkwe kwa Xhosa ubaluleke kakhulu. Uthi akuzalwa kubeyimivuyo nemincili kwelokhaya ngoba kaloku bona bafumene indlalifa. Uthi xa ekhula akhulele phantsi kwengqeqesho yomntu ongu tata welo khaya ukuze amfundise izinto zelo khaya ezinje ngamasiko nezithethe. Kuye kuthiwe uyanda umzi wasemathileni ngoba kaloku ukhula kwakhe abe mdala lo mntwana uya kuzeka umfazi baze bazale abantwana abayokungcina igama lalomzi lingatshabalali ekuhambeni kwexesha.

uthi xa eneminyaka engamashumi ababini(20) nangaphezulu kancinci kufuneke oluswe abe yindoda. Ubone ubuhle bomXhosa xa lo mntwana ekhatshwa ngamanye amakhwenkwe esiya ebudodeni, kube nguyele-yele kubemnandi. Amakhwenkwe enze umgubho, iintombi zamakhwenkwe zinxibe izibheshelo zazo ezimhlophe qhwa, zichokozile zintle mfondini! amakhwenkwe wona enxibe amasayibhokhwe wawo egaxele iintsimbi zawo. Ombele amantombi axhentse amakhwenkwe enze lonto intle inomfaneleko, babe oomama bengahabazi bexela amangabangaba ase lwandle kwedini! kubamnandi nasegezeni ngoba kaloku akukho ntlobo yakutya kwesiXhosa kubakho mingqusho, miqa, mifino, marhewu, kwowu! kuxhelelwe exhukwana kubantu abadala ngoba kubakho nomqombothi.

Emva kwalo mgubho ke uye enzelwe ibhuma emasimini ayakuhlala kuyo iinyanga ezimbini nangaphezulu ukuze angadibani nabantu ababhinqileyo. Ahlale nekhankatha eliya kumgada kude kufike ixesha lokuba aphinde abuyele kowabo.

UMGIDI

Uthi xa ebuyela kowabo amkelwe ngezandla ezishushu enzelwe umgidi. kubemnandi kuselwe utywala kumenywe iilali ngeelali zize kwamkela lo bhuti umtsha weli khaya. Kuye kuxhentwse, oomama bangqiyaze, iintombi zibe zibheshuza kwelazo icala, ootata babe bezomnwabele bezityela utywala. Emva kobobumnandi uye anxityiswe iimpahla zobu krwala ogqiba ahlale into engange nyanga ezilalini. emva kwalo nyanga uye anyuke aye eGoli ayokutshintsha, ayeke ukuba likrwala abe ngubhuti phakathi kwabanye oobhuti.

IMBEKO

Ootata abadala noobhuti baye bamyale bamxelele izinto ezenziwayo ngumntu oyindoda nezingenziwayo. Kuye kufuneke athobe, abenembeko ahloniphe omdala nomncinci atshintshe izenzo ezibi ebezenza ngoko ebeyinkwenkwe. Emva koko uba yindoda enesidima nesithozela azeke umfazi bazale abantwana bandise ikhay labo. Agcine igama lalo mzi nokuba sele beswelekile abantu belokhaya abadala.