I-carnivore Script error: No such module "IPAc-en". ithetha ukuthi 'isidlanyama' ngesi(Latini, caro ithetha 'inyama' or 'inyama' aze uvorare athethe ukuthi 'ginya') sisidalwa esiphilayo esifumana amandla nezakhamzimba ezifunekayo kuhlobo lokutya okwenziwe kuphela nangokukodwa ngeIsihlunu|zihlunu zesilwanyana nokokuba zizilwanyana eziphilayo okanye ezifileyo ezithi zibanjwe luhlobo lwezilwanyana oluzii-carnivores nee-herbivores. Ziyakuthi ke izilwanyana eziphilayo zakubanjwa zityiwe ii-carnivores kanti zona ezibhaqwe sele zifile zityiwa zii-herbivores. Ezi zilwanyana zizii-carnivores kuthiwa xa zibizwa zii-predators. Ukanti isenzo esi senziwa zii-carnovores kuthiwa yi-predation. Ii-herbivores zona kuthiwa zii-scavengers, ukanti isenzo sazo sokutya izilwanyana esele zifile kuthiwa sisi-scavenging]].[1][2] Uhlobo lwezilwanyana oluxhomekeke kwinyama yezinye izilwanyana ukuze ifumane izakha mzimba kuthiwa lubizwa ngokuba zii- obligate carnivores, ngeli lixa ezi zingatyi kutya kuyinyama kuthiwa zii- facultative carnivores.[2] Ii-Omnivores zona zitya inyama yezilwanyana kunye nokutya okungeyonyama kwaphela, ngaphandle koku kuqikelela kwinkcaza equkayo, akukho myinge uqingqiweyo wezityalo ezityiwayo nenyama ekukutya onokwahlula ii- facultative carnivore kwii-omnivore.[3] I-carnivore ethe ngcu kwincakam yefoodchain kuthiwa yi-apex predator.

  1. Nutrient Requirements: Carnivores. Duane E. Ullrey. Encyclopedia of Animal Science.
  2. 2.0 2.1 Mammals: Carnivores. Duane E. Ullrey. Encyclopedia of Animal Science.
  3. Mammals"' Omnivores. Duane E. Ullrey. Encyclopedia of Animal Science.
Iingonyama zii-carnivores ezinogonyamelo. Okona kutya kwazo yinyama yezilwanyana ezincancisayo, nje ngale buffalo yaseafrika.