IKhandida yi-genus okanye ukuqokolelana kwee-yeasts. I-Yeasts luhlobo oluthile lwe- fungus. eli qela le-fungi lilelona qela lingunobangela oxhaphakileyo owenza   iusuleleko nge-fungus emhlabeni jikelele.[1] Uninzi lwabantu sele lunayo okanye sele luvulelekile kweli qela le-fungus kodwa abakaguli bona. Ukuba umntu uphelelwa ngamandla ngenxa yasigulo simbi, le fungus ingasenza isifo.[2] I-Candida albicans lolona hlobo lwe-Candida luxhaphakileyo. Usuleleko nggale fungus lubizwa ngokuba yi-candidiasis okanye yi-thrush. Ezinye iintlobo zeli qela zingafumaneka kwi-gut yomntu.[3]

Abantu bangachatshazelwa lusuleleko lwegazi ngenxa yale fungus.  [4]

Amachiza abizwa ngokuba zii-antibiotics aziyinyangi usuleleko lwe-yeast. into eyenzekayo kukuba i-antibiotic ingalunwenwisa ngakumbi usuleleko ngeCandida.[5] Abafazi bangalufumana kwizinyi zabo usuleleko lweCandida. Amadoda nawo angalufumana usuleleko lweCandida ebudodeni babo. Ukuba umntu usebenzisa ii-antibiotics ixesha elide,  Maninzi kubo amathuba okufumana usuleleko lwe-Candida. Abantu abaneswekile okanye i-HIV maninzi amathuba kubo okufumana usuleleko lwe-yeast.[6][7]

Indima yayo njenge-pathogen tshintsha

Le fungus ingakhuliswa e-lab. I-Candida ibonakala ngathi zizazinge ezinkulu ezimile okwesangqa nesimhlophe nesimthubi elinuka njengesonka.[8]I-Candida ingafumaneka phantse kuzo zonke izikhumba eziphilileyo.[9] Isikhumba esomileyo sine-fungus.[10] Amanani amancinane ale fungus afumaneka kwamanye amalungu omzimba. Laa malungu yimpumlo, umqala nemiphunga; i-digestive system nesinyi. Yinto eqhelekileyo leyo. 

Xa le fungus idala isifo esisemlonyeni sibizwa ngokuba yi-thrush (i-oropharyngeal candidiasis). Xa le fungus idala isifo kwisizalo somfazi ibizwa ngokuba yi-vaginal candidiasis okanye kuthiwa nje yi-'yeast infection'. I-thrush ixhaphakile ebantwini abanxiba ii- dentures.[11]

Treatment tshintsha

Abantu abaphila ngaphandle kokugula, usuleleko nge-candida lunganyangeka nge-oli yesikhumba  okanye ichiza elinokuginywa.  [12] Amayeza esikhumba angathengwa evenkileni ngaphandle kokuba ubhalelwe ngugqirha.  Kubantu abasele begula kakade,  i-candidiasis ingasisigulo esinobunzulu obukhulu. Isenokudala i-abscess, thrombophlebitis, usuleleko lwentliziyo  (i-endocarditis). Isenokudala usululeko lwamehlo okanye lwezinye ii-organs.[4][9] Usululeko lwe-Candida lungangena emzimbeni ngemikrwelo,ukugruzuka nokusikeka kwesikhumba.  [10]

I-Species tshintsha

Ezinye ii-Candida ezibalulekileyo yi-C. i-parapsilosis, C. tropicalis, kunye ne-C. dubliniensis.[4]

References tshintsha

  1. Manolakaki, D., Velmahos, G., Kourkoumpetis, T., Chang, Y., Alam, H. B., De Moya, M. M., & Mylonakis, E. (2010).
  2. Kourkoumpetis, Themistoklis K., et al.
  3. Spanakis, Elias K., et al.
  4. 4.0 4.1 4.2 Empty citation (help)  Cite error: Invalid <ref> tag; name "Enfert" defined multiple times with different content
  5. Kennedy, MJ et al.
  6. Steckelberg, James M. (2012-09-18) "Male yeast infection: Can I get it from my girlfriend?" Mayo Clinic retrieved 2014-03-23 
  7. "Yeast Infections: MedlinePlus" Nlm.nih.gov retrieved 2014-03-23 
  8. "Candida species" DoctorFungus.org archived from the original on 2007-02-08 retrieved 2007-02-09 
  9. 9.0 9.1 Jawetz et al. (1978), "Medical Mycology", Review of Medical Microbiology (13th ed.), pp. 276–278
  10. 10.0 10.1 Empty citation (help) 
  11. Empty citation (help) 
  12. "Yeast Infections (Candidiasis) in Men and Women" WebMD 2012-11-12 retrieved 2014-03-23 

Ezinye ii-websites tshintsha