Kwi-mathematics, i-quotient linani elisisiphumo xa kusabiwa/kuhlulwa-hlulwa. elinye inani ngelinye. Umzekelo, xa sisaba u-6 ngolu hlobo 6 ÷ 3, i-quotient iyakuba ngu-2. Aze ke ngoko u-6 abizwe ngokuba yi-dividend, kuba nguye lo wabiwayo okanye wahlulwahlulwayo okanye masithi ngu-6 lo wabiwayo. Aze ke yena u-3 abizwe ngokuba yi- divisor, inani ekuqhekezwe, okanye ekohlulwe okanye kwabiwa ngalo laa-6. I-quotient isenokuchazwa njengenani elibhekisa kumaxesha i-divisor, okanye inani ekwahlulwa ngalo okanye ekwabiwa ngalo, u-3 ke ngokwalo mzekelo, inani elabiwayo, u-6 ngokwalo mzekelo. 

I-quotient isenokuthetha kanye indawo e-integral kwiziphumo ezivela xa kusahlulwa ii-integers ezimbini. Umzekelo, i-quotient ka-13 ÷ 5 iyakuba ngu-2 ngeli lixa i-remainder okanye intsalela nani ingu-3.

Ii-Quotients zivela kwii-tests ezithile, njengakwitest ye-IQ, nemele igama elithi intelligence quotient. Apha ke, i-quotient yakho linqaku lakho. Kumashumi ngamashumi eminyaka, njengokuba abantu besiya ngokuya bememezela ukukhula komntu ngokupheleleyo, ezinye ii-quotients ezikwafana nezi ziya zivela ngokuvela.