I-Schistosomiasis, ekwaziwa njenge-snail fever, isisifo se-helminthiasis esibangelwa yi-parasitic flatworm ekuthiwa yi-schistosomes. Indlela yomchamo okanye amathumbu anokosuleleka. Imiqondiso neempawu zingaquka ubuhlungu besisu, urhudo, ilindle elinegazi, okanye igazi elisemchameni. Abo bosulelekileyo ixesha elide bangafumana umonakalo wesibindi, ukungasebenzi kwezintso, ukungaqhameli inzala, okanye umhlaza wesinyi. Ebantwaneni, inokubangela ukungakhuli kakuhle kunye ukufunda nzima.[1]

I-Schistosomiasis
I-SchistosomiasisInkwenkana eneminyaka eli-11 ubudala ene-yefluwidi yesisu kunye ne-portal hypertension ngenxa ye-schistosomiasis (Agusan del Sur, Philippines)
I-SchistosomiasisInkwenkana eneminyaka eli-11 ubudala ene-yefluwidi yesisu kunye ne-portal hypertension ngenxa ye-schistosomiasis (Agusan del Sur, Philippines)
Inkwenkana eneminyaka eli-11 ubudala ene-yefluwidi yesisu kunye ne-portal hypertension ngenxa ye-schistosomiasis (Agusan del Sur, Philippines)
Uhlelo nezibonelelo zangaphandle
ICD/CIM-10B65 B65
ICD/CIM-9120 120
DiseasesDB11875
MedlinePlus001321

Isifo sisasazeka ngokudibana namanzi ahlaziyekileyo angcoliswe zizifunxi-gazi. Ezi zifunxi-gazi zikhutshwa ziinkumba zamanzi ahlaziyekileyo asulelekileyo. Isifo esiqheleke ngokukodwa ebantwaneni abakumazwe asakhasayo njengoko kuqhelekile ukuba badlale kumanzi angcolileyo. Amanye amaqela asemngciphekweni omkhulu aquka amafama, abalobi beentlanzi, kunye nabantu abasebenzisa amanzi angacocekanga imihla ngemihla.[1] Iyeyeqela le- izifo ezosulelayo ze-helminth.[2] Uxilongo lungokufumana amaqanda esifunxi-gazi kumchamo okanye kwilindle lomntu. Isenako nokuqinisekiswa ngokufumana izilwa-buhlungu ezisegazini ngokuchaseneyo nesifo esisegazini.[1]

Iindlela zokuthintela isifo ziquka ufikelelo kumanzi acocekileyo kunye nokunciphisa inani leenkumba. Kwimimandla apho sixhaphakileyo esi sifo, ichiza eliyi-praziquantel linganikezwa kube kanye ngonyaka kwiqela lonke. Oku kwenzelwa ukunciphisa inani labantu abosulelweyo kunye, nokulandelayo, nokusasazeka kwesifo. I-Praziquantel isekwalunyango olunconywayo yi-World Health Organization (WHO) kwabo baziwa bengabosulelekileyo.[1]

I-Schistosomiasis ichaphazele abantu abaphantse babe zizigidi ezingama-210 ehlabathini jikelele ukusukela ngo-2012.[3] Kuqikeleleka ukuba ngabantu abali-12,000[4] ukuya kuma-200,000 ababulawa yiyo kunyaka ngamnye.[5] isifo sifunyanwa ngokuqheleke kakhulu eAfrika, kwanaseAsiya nakuMzantsi Melika.[1] Ngabantu abazizigidi ezingama-700 million, kumazwe angaphezulu kwangama-70, abahlala kwimimandla apho esi sifo sixhaphake khona.[5][6] Kumazwe etropiki, i-schistosomiasis iyeyesibini kwimalariya phakathi kwezifo zezifunxi-gazi ezinefuthe elikhulu kwezoqoqosho.[7] I-Schistosomiasis idweliswe njengesifo setropiki esingahoywanga.[8]

Imithombo tshintsha

  1. 1.0 1.1 1.2 1.3 1.4 "Schistosomiasis Fact sheet N°115" World Health Organization 3 February 2014 retrieved 15 March 2014 
  2. "Chapter 3 Infectious Diseases Related To Travel" cdc.gov 1 August 2013 retrieved 30 November 2014 
  3. Fenwick, A (Mar 2012) "The global burden of neglected tropical diseases." Public Health 126 (3): 233–6 PMID 22325616 doi:10.1016/j.puhe.2011.11.015 
  4. Lozano, R.; Naghavi, M.; Foreman, K.; Lim, S.; Shibuya, K.; Aboyans, V.; Abraham, J.; Adair, T. et al. (15 December 2012) "Global and regional mortality from 235 causes of death for 20 age groups in 1990 and 2010: a systematic analysis for the Global Burden of Disease Study 2010" Lancet 380 (9859): 2095–128 PMID 23245604 doi:10.1016/S0140-6736(12)61728-0 
  5. 5.0 5.1 Thétiot-Laurent, S. A.; Boissier, J.; Robert, A.; Meunier, B. (27 June 2013) "Schistosomiasis Chemotherapy" Angewandte Chemie International Edition in English 52 (31): 7936–56 PMID 23813602 doi:10.1002/anie.201208390 
  6. "Schistosomiasis A major public health problem" World Health Organization retrieved 15 March 2014 
  7. The Carter Center "Schistosomiasis Control Program" retrieved 17 July 2008 
  8. "Neglected Tropical Diseases" cdc.gov 6 June 2011 retrieved 28 November 2014