I-Haploid ligama elisetyenziswa xa i-cell inehafu yenani eliqhelekileyo lee- chromosomes. Isidalwa se-eukaryote sinee-cells ze-diploid, ingqokolela enye yee-chromosomes evela kwisidalwa ngasinye esinesini sobufazi nesinesini sobudoda. kodwa ke emva kokuba kwenzeke i-meiosis, inani lee-chromosomes ezikwi-gametes lahlulwa phakathi. Obu ke bubume be-haploid.

Ebantwini, inani eliphindwe kabini (le-diploid) lee-chromosomes lingama-46 (2x23). Inani lee-sperms nelamaqanda kwi-icells ze-haploid zingama-23. Ezinye iintlobo zezilwanyana ziluhlobo lwe-haploid, njengenkunzi ye-hymenoptera (iimbovaneant, iinyosi kunye ne-wasps). Olu luhlobo olulodwa lwenkqubo yegenetic ekuthiwa yi-haplodiploidy.

Ezinye izityalo nezilwanyana zi-polyploid, zineengqokolela yee-chromosomes ezingaphezulu kwezimbini. Umzekelo, uhlobo olunye lwengqolowa luyi-hexaploid, luneengqokolela yee- chromosomes ezintadathu, nangona ezinye iintlobo zengqolowa zineengqokolela ezimbini kuphela. Kuba izidalwa ezininzi zizi-diploid, isenobhidisa ungazi okokuba ingaba i-haploid ibhekisa kwingqokolela yee-chromosomes enye okanye ngaphezulu kusini na. Igama elilodwa elithi monoploid lingasetyenziswa; ingqokolela yee-chromosomes enye kuphela.