Kwa-computing, i-input/ne-output, okanye i-I/O, ibhekisa kuxhumano phakathi kwe-digital processing system (efana ne-computer okanye i-embedded system), kunye noxhumano lwayo nehlabathi – kulindeleke umntu ke kulo mba, enye i-processing system okanye i-device.

Ii-inputs lulwazi okanye yimiqondiso ofunyanwa yi-system, kunye neziphumo ezizii-outputs yimiqondiso okanye i-data evela kuyo.

Ii-I/O devices zisetyenziswa ngumntu (okanye yenye i-system) ukuze ixhumane nge-digital processing system. Umzekelo, ii-keyboards nee-mice zaziwa ngokuba zii-input devices zekhompyutha, ngeli lixa ii-monitors kunye nee-printers zisaziwa ngokuba zii-output devices zekhompyutha. Ii-devices zoxhumano oluphakathi kweekhompyutha, ezifana nee-computers, ezifana nee-modems kunye namakhadi e-network, asetyenziswa kwi-input ne-output.

Qaphela okokuba inkcazo nge-device njenge-input okanye i-output ixhokeke ekubeni iviwa njani na. Ii-Mouses kunye nee-keyboards zixhobo ezenza intshukumo ebonakalayo ye-input esetyenziswa ngumntu ukuza akhuphe i-output (isiphumo esilulwazi) ethi iguqulelwe kwii-signals ezinokuqondwa zii-understand. I-output eyenziwe zezi devices ibayi-input yekhompyutha. Ngokufanayo, ii-printers nee-monitors zikwazii-signals ze-input ezenziwa iyikhompyutha ukuba zibe zii-outputs. Ziyakuthi ke ngoko ziguqule ezi signals zibe yinto enokubonwa okanye enokufundwa ngabantu abazisebenzisayo. (Kumntu oyisebenzisayo oku kufunda nokubona amagama kukufumana i-input.)

Iikhompyutha zisebenza ngolwazi olu-digital kuphela, nayiphi na i-input efunyanwa yikhompyutha kufuneka ibe-digitalised.