Iplastiki sisixhobo esitshintshayo ngokwendlela esime ngayo, ngoko ke izinto ezininzi zisenokwenziwa ngeplastiki.  zininzi iintlobo zeplastiki.  Ezinye zazo zinokuma ngendlela ethile kuphela xa zigqitywa kwenziwa; zize ke emva koko ziqine.  Ezinye zingatshintsha ngokuthi zitshiswe okanye zide zinyibilikiswe. 

Ezi zinto zenziwe nge-plastiki.

Uninzi lweplastiki zenziwe ngezandla;  azenzeki ngokwendalo.  zivamise ukwenziwa nge-oyile evela emhlabeni. Inkqubo yokwenza iiplastiki intsokothile.  Uninzi lwezixhobo ezibizwa ngokuba ziiplastiki zizii- polymers. Ii-Polymers ngamatsheyini amade ee-atoms aphingeneyo. 

Abantu basebenze ngeeplastiki  ezenziwe ngee-polymers ixesha elide.  U-Alexander Parkes, umcebisi weNgesi (1813-1890), wenza uhlobo lweplaski yokuqala ngo-1855. Yayiqinile kodwa isebenziseka kwaye ikhaya, waza wayibiza ngokuba yi- "Parkesine."

Iiplastiki zithe saa emhlabeni kwaye maxa wambi ukuba uyawatshisa akhupha ivumba eliyingozi.  Ukuba asiwasebenzisi kwakhona, abakukungcola.  

Ukwenziwa kwe-Plastic  tshintsha

Iiplastiki zivamise ukuba-petrochemicals, zenziwa kwi-petroleum, uhlobo lwe-oyile. Iinjineli zithi ziyicole i-petroleum ehamba ngenkqubo yobushushu.  Ivelisa i-ethylene ne-propylene, eziziseko zokwakha iikhemikali zeeplastiki ezininzi. Ezi khemikhali ziye zidityaniswe ukuze zikhuphe i- polymer.

Iiplastiki ezaziwayo nemisebenzi yazo  tshintsha