Ii-tissues zinendawo eziyenzayo kwi-organ. Ii-tissues ngamaqela ee-cells asebenzisanayo xa zisenza umsebenzi emzimbeni. Zingamaqela ee-cells ezimvelaphi yazo ifanayo, indlela ezimile ngayo, kunye nomsebenzi wazo. Ii-cells ziyafana okanye ziphantse zifane. umzebenzi owenziwa zii-cells ukwangumsebenzi ofanayo okanye phantse ufane. ezi ntlobo-ntlobo ziquka izihlunu, i-uscles, ii-nerves, kunye nee-connective tissues.

Isiqu sesityalo se-flax esicandwe phakathi sineentlobo-ntlobo zee-layers eziliqela: 
1. I- pith
2. I-protoxylem
3. I-xylem
4. I-phloem
5. I-sclerenchyma (bast fibre)
6. I-cortex
7. I-epidermis

Ii-Organs zeziwe ngeentlobo ze-tissue ezimbini nangaphezulu.  Intliziyo iyi-organ. Yenziwe ziintlobo-ntlobo zee-tissues. inesihlunu se-tissue esibizwa ngokuba yi-myocardium. ine-connective tissue ngaphakathi kuyo (eyi-endocardium), ize ngaphandle ibe ne(pericardium). Intliziyo inee-valves eziqinisekisa okokuba igazi lihamba ngendlela efanelekileyo xa zihamba ngentliziyo. Ngoko ke intliziyo yi-organ eyenziwe kwii-tissues eziliqela. 

Izifundo ezingokumila okanye ukwakheka kwee-tissues ezenziwa ngaphantsi kwe-microscope zibizwa ngokuba yi-histology.