Ibhola yomnyazi ngumdlalo odlalwa ngamaqela amabini kwasixhenxe. ufana nqwa nebasketball ngaphandle kokuba ukuyibhampisa phantsi ibhola akuvumelekanga, kananjalo umdlali akanakubeka phantsi unyawo ephethe ibhola. Zisixhenxe izikhundla zalo mdlalo enkundleni yawo:

  • C - kwiziko lenkundla
  • WA - abadlali abakwiphiko lokuhlasela
  • WD - abadlali abakwiphiko lokukhusela
  • GD - abadlali abakhusela ukuba kungangeni manqaku
  • GK - abadlali abagade amanqaku
  • GS - abadlali abafaka amanqaku
  • GA - abadlali abahlasela osomanqaku
ibhola yomnyazi kwimidlalo yezizwe zehlabathi ngo2006

Mininzi imithetho kwibhola yomnyazi, eminye yawo yile ilandelayo:

  • Ukuba umfaki nqaki uthe ezama ukulifaka inqaku emngxunyeni, waza wawuphosa umngxuma lowo ingakhange iwuchukumise nokuwuchukumisa ibhola, kufuneka lo mdlali alinde de omnye umdlali ayichukumise ibhola leyo okanye de ibhola ibhampe phantsi phambi kokuba abe anagayichukumisa ibhola kwakhona.
  • Umdlali angayibamba ibhola kuphela imizuzwana nje emithathu.
  • akufuneki abeke unyawo phantsi ephethe ibhola - stepping
  • Xa ekhusela, kufuneka umdlali abekude ngeenyawo ezintathu komnye umdlali ophethe ibhola- obstruction
  • umdlali akanakuyibhampisela kuye ibhola - replay
  • Umdlali akanakuchukumisa omnye umdlali - contact
  • Umdlali akanakungena kwelinye icala apha angamelwanga kungena kulo enkundleni - offside
  • Xa efaka ibhola okanye ekhusela ukuba ibhola ingangeni, akanakuzixhasa okanye akanakweyama ngepali - free pass to the other teams.