Kwa-fiziki, i-force kukutyhalwa okanye ukutsalwa okutshintsha okanye okudla ngokutshintsha into ebi imile okanye inqumamile okanye ihamba ngendlela enye efanayo okanye akukutshintsha kwendlela ebekuhamnjwa ngayo okanye indlela emile ngayo loo nto ithile. Amandla enza okokuba izinto zihambe ngesantya esiphezulu, abe ke ngoko ongeza kuxinzelelo, tshintsha umkhondo wendlela ehamba ngayo. hange direction, okanye kuctshintshe indlela emile ngayo loo nto. Amandla alinganiselwa ngee- Newtons. (N).

I-force isoloko ikukutyhala, ukutsala, okanye ukujija, kwaye ichaphazela izinto ngokuthi zityhilizelwe phezulu, zitsalelwe ezantsi, zityhilizelwe ecaleni, okanye kutshintshwe indlela ezimi ngayo zime ngeendlela ezimininzi ezizezinye. 

Umthetho wesibini weNewton tshintsha

NgokoMthetho wesibini wakwaNweton ongeMtshukumo, umthetho omiselwe ukuze kufumaneke i-force uthi:

 

Apho ke u-  uyi-force, aze ke yena u-  abe yi-mass yento, yena ke u-  ukukunyuka kwesantya sento.

Lo mthetho uthi xa kukho i-force kwinto loo nto iyakuyahamba ngokukhawuleza okumandla. Ukuba i-force ayimandla kangako kwaye into leyo inobunzima, ngoko ke iyakuthatha ixesha elide ukwandisa isantya, kodwa ukuba i-force iza ngamandla ibe nento leyo kwenziwa kuyo i-force ilula okanye ingenabunzima kuyaphi, iyakuhamba ngesantya esiphezulu ngokukhawuleza okungummangaliso. 

I-Weight tshintsha

I-Gravity kukunyuka kwesantya. Yonke into ene-mass itsalelwa ezantsi emhlabeni ngenxa yoko kunyuka kwesantya.  Koko kutsalwa kanye oko kubizwa ngokuba yi-weight.

Omnye umntu usenokuthatha le-equation ingasentla aze atshintshe u-  ube yi-gravity  esemgangathweni u-g, ize ke ngoko i-formula enge-gravity emhlabeni ibenokufumaneka. 

 

apho ke u-  ayi-weight yento, kanti ke u-  yena yi-mass yento, aze yena u-  abe sisantya esiphakamileyo ngenxa ye-gravity okanye uzibuthe owenziwa kukuphakama kolwandle. Imalunga ne- .

Lo mthetho uthi xa uyazi i-mass ye-object okanye yento, usengakwazi ukubala ukuba ingakanani na i-force ekwinto ethile ngenxa ye-gravity okanye uzibuthe. kufuneka ubesemhlabeni ukuze ukwazi ukusebenzisa le-formula. Ukuba usennyangeni okanye ukwenye i-planet, usenokuyisebenzisa i-formula kodwa i-g iyakwahluka. 

I-force yi-vector, ngoko ke isenokuba okanye ingabinamandla kwaye isenokwalatha  dkwimikhondo ngemoikhondo. I-gravity isoloko isalatha phantsi emhlabeni (xa ungekho kwi-space).

I-Gravitational force tshintsha

Enye i-equation ethetha nge-gravity yi:

 

I-  yi-force; i-  yi-gravitational constant, esetyenziswa xa kuboniswa indlela i-gravity enyusa ngayo isantya sento; i-  yi-mass ye-object enye; i-  yi-mass ye-object yesibini; kunye no-  ngumgama phakathi kwee-objects. 

Le-equation isetyenziswa ukubala uhamba njani na umhlaba xa ujikeleza ilanga kwaye ingaba inyanga ihamba njani na xa ijikeleza umhlaba.  Ikwasetyenziswa xa kubalwa okokuba ingaba ezinye ii-planets, iinkwenkwezi, kunye nee-objects ezikwi-space zijikeleza njani na.  

I-equation ithi xa ii-objects ezimbini zinzima kakhulu, kuye kubekho i-force emandla kakhulu phakathi kwazo ngenxa ye-gravity. Ukuba ziqaqaelene okanye zahlukene kakhulu i-force leyo iyakubanamandla amancinane.