Kwikhalenda yesiXhosa, ngokwenveli, unyaka uqala kwinyanga yeSilimela uze uphele ngekaCanzibe, xa kanye i-Canopas, inkwnkwezi enkulu ebonakala kumZantsi-womDibaniso okwayindawo apho kujikeleza khona izinto zomhlaba ezibonakalayo ezithe ngcu kumzantsi we-equator.

Zimbini iindlela zokubiza iinyanga apha esiXhoseni: ngokwale mihla nangokwemveli. Kwimimandla yasezidolophini kusetyenziswa amagama ale mihla. Kodwa ke, ezilalini, kwimibongo, ingakumbi kumNtla Koloni kusetyenziswa amagama emveli.

Amagama eenyanga zonyaka tshintsha

Ngokwale mihla

Amagama lae mihla ekubizwa ngawo iinyanga abolekwe kumagama enyanga angesiNgesi:

   uJanuwari
   uFebhuwari
   uMatshi
   uApreli
   uMeyi
   uJuni
   uJulayi
   uAgasti
   uSeptemba
   uOktobha
   uNovemba
   uDisemba

Ngokwemveli

Ngokwemveli amagama eenyanga asuka kumagama ezityalo neentyatyambo ezikhulayo okanye eziman'ukutshintsha ngokwamaxesha onyaka. Zezi:

   eyoMqungu (inyaka yengca iTambuki)
   eyoMdumba (inyanga yokudumba kweenkozo) 
   eyoKwindla (inyanga yeziqhamo zokuqala)
   uTshazimpuzi (inyanga yokutshaza kwamathanga) 
   uCanzibe (inyanga kaCanopus)
   isilimela (inyanga kaPleiades)
   eyeKhala / EyeNtlaba (inyanga yamakhala)
   eyeThupha (inyanga yokudubula kweentyatyambo)
   eyoMsintsi (inyanga yomthi umsintsi) 
   eyeDwarha (inyanga yokuvela kwe-lilypad)
   eyeNkanga (inyanga yokuhluma kwee- daisies ezityheli)
   eyomNga (inyanga yokuvela komthi ohlabayo i-mimosa thorn tree kunye ne-simba)

Iintsuku zeveki

   ngomVulo
   ngolwesiBini
   ngolwesiThathu
   ngolwesiNe
   ngolwesiHlanu
   ngomGqibelo
   ngeCawa

Amaxesha onyaka

 eKwindla
 uBusika
 iNtlakohlaza/iNtwasahlobo
 iHlobo