Imbali kaMakhanda (UNxele)

Intshayelelo tshintsha

Kwaathi emva kokumka kuka Nyengana kweli lasemaXhoseni, kwavela uNxele eMgwangqa kwaNdlambe, esithi uthetha into eyithethwa nguNyengana, kwaye ke naloo nto wayeyithetha yayingaqondwa bani.

Imfundiso yakhe tshintsha

ubesithi xa efunda abantu, iinkosi zimbini, yaye zisemanzini zombini. Enye yazo nguTayi, enye nguDalidephu. Ubesitsho athi ke mabathi abantu xa bewela umlambo babulise bathi, "A! Tayi, A! Dalidephu. Loo nto ke yaba ngummiselo kubalandeli bakhe. Ubemana ethetha ke umfo kaGwala lowo, esithi umzi mawulahle ubuthi, ungakrexezi, ulawule amaphupha, athi wonke umntu azixele izinto azenzayo nawakhe wazenza. Kwaba kuphela, umzi wenza loo nto, amadoda nabafazi. uthe umfo wasemaCwerheni akubona ukuba umzi uwoyisile, waqala kaloku wavelisa elokuba, Abantu baphantsi komhlaba, baye beyakuvuka bonke ekufeni, apho bayakuphuma khona kulwandle laseGompo. Utsho wathi kodwa wona amaNgqika ayakuba ziinkunzi, iimbovane namawa kuba ahlal'ephethe igazi. Avakele amaRharhabe esithi, "Inantoni na le nto ukuba ithethwe ngulo kaGwala, ngokabani na yena? Akakho na amaphakathi alo mzi kaJwarha, amaCirha, namaNtakwenda. Bathe besitsho babe besithi , "loo mntu makavunywe ade abonakale eyona nto azakuba yiyo". Bamvuma ke bamsa ebucamagwini ngeenkomo ezimdaka, ezilubhelu, nezimnyama, laye ibala elibalaseleyo ilelimdaka nelilubhelu.

athi amaNgqika namagcaleka awuzela kwaNdlambe ngokoyika ukuba ziinkuni, iimbovane, namawa, nangokoyika ukumka noqhwithela lomoya awayesithi uyakubakho kwelo lawo.