indlebe lilungu lomzimba elenza okokuba abantu beve. Ezinye izilwanyana, ezifana nabantu noninzi izilwanyana ezinamathambo omqolo, zineendlebe ezimbini, kodwa ezinye izilwanyana aziva ngeendlebe. Isigcawu sinoboya obuncinane emilenzeni yaso esimamela ngabo.

Le yindlebe yomntu yecala langasekhohlo ear
umzobo womphakathi wendlebe yomntu

Indlebe le siyibonayo isebenza ngokunqakula isandi isiqhubela ngaphakathi kuyo. Olu ngcangcazelo luthunyelwa engqondweni sisikhaxa semisonto yemithambo ehambisa igazi.

Le ndawo ingaphandle nebonakalayo apha endlebeni kuthiwa yipinna.

Iindlebe zikwasetyenziswa nakweminye imisebenzi. Indlovu isebenzisa iindlebe zayo ezinkulu ukuzipholisa ngemini ezishushu kakhulu. Amalulwane axhomekeke kwiindlebe zawo xa efuna ukufumana ixhoba lawo. Ezinye izilwanyana zisebenzisa iindlebe zazo xa zithetha nezinye izilwanyana ezifana nazo.