Inkolo ka Ntu: IInkolelo zamandulo nexesha lokhanyo

Inkolo ka Ntu: IInkolelo zamandulo nexesha lokhanyo

tshintsha
 
Bloemfontein at night

Lo mfanekiso usekhohlo ubonisa izibane ezikhanyayo zasebusuku, umbane, ezi zibane zikhanyayo zezokufika. Mandulo phaya, zazingekho izibane ezikumila kunje kwaye kwakukho inkolelo ethi umlilo uyacikwa okanye nantoni na ekhanyayo xa kuthe kwagcwazela kuba kwakukholelwa ukuba izinyanya aziliboni ikhaya okanye ziyaphanyaka xa kukho into ekhanyayo esisibane phandle ebusuku. Kudala, kwakufuneke upheke ugqibe kusekho ilanga, kuthi kwakuhlwa uwucime umlilo. Kodwa ke izinto zatshintsha ngoku, selekukho imibane ekhanyisayo kude kuyosa ngomso. Ingaba kengoku zona izinyanya zisakwazi ukungena emakhayeni kwelixesha sikulo lokhanyo? Ezinkolelo ingaba ziyatshintsha xa kutshintsha ixesha?. Inzima lemibuzo kodwa ifuna uke sizibuze ukuba ngoku izinyanya zifikelela njani emakhayeni kuba sasikholelwa ukuba azivani nento ekhanyayo. Ingaba loqulukobhodo, nengxubakaxaka sikuyo iphenjelelwa zezinye zezinto ezeza nemihla yokhanyo efana nemibane? Awusoze wazi kodwa ngamafutshane inintsi into echaphazele iinkolelo zakwantu eze nemihla yokhanyo.[1]

  1. Abdou, Ehaab; Zervas, Theodore (2024-08-01) Ancient and Indigenous Wisdom Traditions in the Americas: Towards More Balanced and Inclusive Curricular Representations and Classroom Practices (in English) Taylor & Francis ISBN 978-1-040-09591-1