Inkukhu i(Gallus gallus domesticus) luhlobo lwentaka yasekhaya. Ikhuliswe ngokubanzi ngenxa yenyama yayo kunye namaqanda.[1] Zizizigidigidi ezingama-24 zeenkukhu emhlabeni wonke jikelele.[2] Zifuywa kakhulu ngabantu njengemfuyo, oko kuthetha ukuthi zigcinelwa inyama yazo kunye namaqanda. Iinkukhu ziintaka engabhabhi kuyaphi, oko kuthetha ukuthi azinakubhabha. Zibhabhela kufutshane.

Gallus gallus domesticus

Inkunzi yenkukhu ibizwa ngokuba yirooster okanye yicock (isishunqulelo segama elithi cockerel). Isikhukukazi senkukhu kuthiwa yihen. Inkukhu esencinane kuthiwa l intshontsho. Njengezinye izikhukukazi zentaka, izikhukukazi zenkukhu zizalela amaqanda maqanda lawo athi aqanduselwe.

Xa umfama ekhulisa iinkukhu, kufuneka azakhele indlwane yazo (njengendlwana encinane yeenkukhu) ukuze zikwazi ukuba nendawo yokulala. zikwafuna indawo enje ngesiza sokubaleka nokuzilolonga okanye zidlalele khona, zibhukuleze emhlabeni, zitye, zisele. Iinkukhu kufuneka zikhuselwe kwiintshaba zazo ezifana nookhetshe, oko kwenziwa ngokuthi zibiyelwe. [3]

Iinkukhu zisenokufuyelwa ukwenza ushishino. Oku kwenza okokuba amafama enze inyama namaqanda amaninzi, kodwa ke noko oku akulunganga ezinkukhwini.

Iinkukhu kunye nechicken pox tshintsha

IChickenpox ayinanto nakwenza neenkukhu. xa yayichazwa okokuqala ichicken pox, kwaqatshelwa okokuba amachaphaza epox ayebonakala njengemifuno ebizwa ngokuba yichickpea ebalapha esikhumbeni. igama lesiLatini lechick peas lithicicer, kwaye ligama layo lokuqala apho ichicken pox yathi yalifumana khona.[4]

Amaqanda tshintsha

Iinkukhu zaziwa kakhulu ngamaqanda azo. Abantu abaninzi bayawatya.

Inyama tshintsha

 
Iinkunzi zenkukhu ezimbini ziyalwa kwilali yaseThailand.

Ngenxa yeendleko zayo ephantsi, inyama yenkukhu (nebizwa ngokuba yi"nkukhu") yenye yeentlobo zenyama esetyenziswa kakhulu apha emhlabeni. AmaMelika atya iinkukhu ezizizigidi ezisi-8 qho ngonyaka. [5] Ezona zitya zinenkukhu nezithandwa kakhulu ngamaphiko eBuffalo, ibutter chicken, chicken rice, chicken balls, chicken pot pie, chicken soup, fried chicken, inkukhu eyojiweyo (jonga umfanekiso), kunye nenkukhu yetandoori.

Umdlalo tshintsha

Kwezinye iindawo zehlabathi abantu bazifuyela ukulwa ngazo iinkukhu. Babheja ngemali bebhejela okokuba liliphi na iqela elizakuphumelela. kwiindawo ezininzi lo mdlalo awukho semthethweni.

 
Inkukhu eyojiweyo
  1. "chicken (bird) -- Britannica Online Encyclopedia" britannica.com retrieved 1 May 2010 
  2. according to Firefly Encyclopedia of Birds, Ed. Perrins, Christopher. Buffalo, N.Y.: Firefly Books, Ltd., 2003.
  3. How to Raise Chickens, retrieved 15 Mar, 2011.
  4. "Why is it called chicken pox?" parenting.ivillage.com archived from the original on 14 May 2010 retrieved 1 May 2010 
  5. "Chicken Facts by The Easy Chicken for beginners" shilala.homestead.com retrieved 1 May 2010