Inqaku

kwiqakamba, yindlela yokubala, lifumaneka xa umdlali obethayo ebaleke wayokufika kwelinye icala lebalana

Kwiqakamba inqaku yindlela yokubala, lifumaneka xa umdlali obethayo ebaleke wayokufika kwelinye icala lebalana, xa umdlali efike kwelinye icala iba linqaku elinye, xa ephinde wabuya iba ngamanqaku amabini,njalo njalo. Xa ibhola ithe yadlila umgca orhangqe ibala ihamba phantsi iba ngamanqaku amane noba abaqhokri ababalekanga. Xa ithe ibhola yawela lomgca ingafikanga emhlabeni ibangamanqaku abathandathu nangawona aphezulu.