Izakhono zokufunda okanye iindlela zokufunda ziindlela ezicwangciswayo ukuphucula ukufunda. Zifuneka kahulu kwimpumelelo yasesikolweni, ingakumbi kwikholeji nangaphaya kwayo.[1] Izakhono zokufunda zibandakanya iintlobo-ntlobo zobuchule namaqhinga ngamaqhinga athi ancede ekuphandeni nasekugcineni ulwazi. Ezinye zazo zizixhobo zokuvavanya okanye zeemviwo ezikwanceda abafundi ukuze babone apho basilele khona, nalapho badinga khona uncedo.

Iindlela zokufunda tshintsha

  • Ukugcina ixesha sisakhono esibalulekileyo. Ootitshala bafumanise unxulumano phakathi kwabafundi abakwaziyo ukulisebenzisa ngokufanelekileyo ixesha labo, kunye ne-GPA (umyinge wenqanaba lokupasiswa kwabo). Okukona bekwazi ukusebenzisa ixesha labo ngokufanelekileyo, kokukona kusiba bezulu ukuphumelela kwabo okanye i-GPA yabo. I-Britton kunye ne-and Tesser ka-(1991)[2] yafumanisa okokuba umlinganiselo wesakhono sokusebenzisa ixesha le-freshmen ngokufanelekileyo kwakuyindlela engcono yokubonakalisa ii- GPAs kunamanqaku abo e-SAT njengee-nkokheli.[3] Uninzi lwabafundi ngokucukuceza indlela abalisebenzisa ngayo ixesha labo, uninzi lwalo lumnka namanzi.[3]
  1. Dianna Van Blerkom, College Study Skills: Becoming a Strategic Learner (Boston, MA: Wadsworth/Cengage Learning, 2012), p. xxvi
  2. Bruce K. Britton; Abraham Tesser, 'Effects of time-management practices on college grades', Journal of Educational Psychology, Vol 83(3) (Sep 1991), pp. 405-410
  3. 3.0 3.1 Myron H. Dembo, Motivation and Learning Strategies for College Success: A Self-Management (New York; London: Routledge, 2001), p. 14