Amasele aziiamphibians ngokulandelelana kwakwaAnura. Akukho mahluko ungakanani phakathi kwamasele nnoonomanhekemfu, kwaye azichazwa ngokwahlukeneyo. Unobangela woku kukuba intlalo yoonomanhekemfu, nezikhumba zabo ezomileyo, ezirhwexayo, yinto eziyifumene ngenxa yokuhlala kwiindawo ezomileyo. Indlela abamile ngayo oonomanhekemfu iye izitshintshela ngokuzitshintshela amaxesha-ngamaxesha, ibe ke ngumzekelo wokuguquka kwezilwanyana zibeneempawu ezifanayo ngenxa yokuhlala ndawonye.[1]

Isele ekuthiwa yiHip-pocket, Assa darlingtoni, fantastically well camouflaged
Inkunzi Dendropsophus microcephalus: its vocal sac is used to croak
European fire-bellied toad (Bombina bombina)
Isilumkiso esimabalabala somthi oyityhefu umthi wesele: i-Strawberry isele elinetyhefu lineealkaloid ezininzi ezibulalayo

Amasele angahlala emhlabeni nasemanzini ahlaziyekileyo. Akanakuphila emanzini anetyuwa. zikhula ngemetamorphosis. Ziqanduselwa njengezabonkolo ezivela emaqandeni, azalelwa zimazi zamasele. La maqanda ke abizwa ngokuba zii frogspawn. Izabonkolo zinemisila kwaye zinegills. Xa zikhula, le misila kunye neegills ziyaphela kuze kukhule imilenze emine nemide.

Amasele amadala angatsiba ngemilenze yawo. Anamalwimi amade awasebenzisa ukunqakula izinambuzane. Enza isandi ekuthiwa yicroak. Ezinye iintlobo zawo zihlala emithini, zize ezinye iintlobo zamasele zikhuselekile ngokuthi zibenetyhefu. Amasele ahlala kulo lonke ihlabathi. Ukuba usapho lwesele oluthile lolwaphesheya kweelwandle luthi luziswe kwelinye ilizwe, iecosystem ingachaphazeleka.

ngamanye amaxesha imilenze yamasele iyatyiwa njengokutya eFrance, eChina, naseMidwest yaseUnited States. Ukubulawa kwamasele kungachaphazela iecosystem. Umzekelo, amasele atya iingcongconi. Ukuba ke ayabulawa amasele, oko kuyakuthetha okokuba ambalwa amasele azakutya iingcongconi, kuze kuye kusanda ngokwanda ukuzalwa kweengcongconi. Ngoko ke, kwezi ndawo, zininzi izifo ezithwalwa ziingcongconi, kuba zininzi iingcongconi. kodwa ke, ukuze oku kwenzeke, amasele kufuneka abe ngawona ajongene nokubulala iingcongconi. Oku akusayikufane kwenzeke.

  1. Zweifel, Richard G; Cogger H.G. & Kirshner D. 1998. Encyclopedia of reptiles and amphibians. San Diego: Academic Press. pp. 91–92. ISBN 0-12-178560-2