Umbinza ngumthi obutyiwa kakhulu emaXhoseni, ungenzelwa ndlala. Ubusithi ukuba ufunyenwe uluhlaza, ungekavuthwa, udwatywe, ukhiwe, umbelwe izisele, uthi wakufumana ukufudumala esiseleni ubehle uvuthwe kamsinya. Lukwanjalo uTongothi. Ke ezo zisele zombinza beziba zizisulu zokubiwa ngabantu bonke nezingalunge kubo. Livele apho ke eliqhalo. Ithi into yakuba luhlantlalala olungenabani, athi wonke umntu azenzele kuyo engayicelanga, kuthiwe sisisele sombinza.