Isithembu kuxa indoda inabafazi ababini nangaphezulu. Eli ke lisiko elidala, linenkqayi kwaNtu. Sibaluleke kakhulu ke isithembu kumz'ontsundu.

Injongo yesithembu tshintsha

Akukho makhwiniba esintwini kuba kaloku abadala bahamba ekhondweni labo bangaphambili kubo ngobudala nabo, njalo njalo. akukho mntu ubesiza nento engazange yabonwa nengazange yenziwa ngaphambili. Isenokubakho inzala esenokwaphukaneka, kodwa kubakho nokuba ngumntu mnye osakhumbulayo okokuba bekuqhutywa njani na kakade ngaphambili. Indlela ekwenziwa ngayo izinto luhlanga nohlanga kuthiwa lisiko. Nantsi ke ikumkani inabafazi abahlanu nangaphezulu.