Isixhobo sokuhamba kombane -

i-conductor sisixhobo sokuhamba umbane, ubushushu okanye isandi caukuze ezi zinto ziye kuphumela kwenye indawo. 

Ucingo lwe-Copper lusisixhobo sokuhamba kombane, ngamanye amazwi siyi-conductor yombane 

Inkoliso yee-metals, ezifana ne-iron kunye ne-copper, zii-conductor zombane. Ezi metals zisetyenziswa ukwenza iingcingo ezithwala   eukuhamba okanye ukuletsheza kombane. I-Plasma yeyona yakhe yabalasela ekuthwaleni umbane kwaye isetyenziswa ukufezekisa iinjongo ezininzi kodwa zona ii-metals zisetyenziswa ngaphezu kwezinye.  

Ezinye izixhobo zii-semiconductors. Oku kuthatha okokuba umbane ungahamba ngazo kodwa kungakho amagingxigingxi.  

Ezinye izixhobo zii-resistors. oku kuthatha okokuba ezi zenza kubenzima kakhulu ukuba umbane ungahamba ngazo. 

Ezinye izixhobo zii-insulators. Oku kuthatha okokuba zikumisa kume ngxi ukuhamba kombane.  Iingcingo zogqunywe ngee-insulators ezinjenge-plastic ukuze umbane ungakwazi ukuhamba ushiye ucingo. 

Ezinye izixhobo zithi xa kubanda kakhulu zibe zii-superconductors. Aziniki nkxaso ekubambeni umbane ukuba ungahambi.