Ityala lamawele yincwadi ebhalwe nguSamuel Edward Krune Mqhayi (1875-1945). Le yinoveli yokuqala eyaziwayo ebhaliwe ngesiXhosa. Yapapashwa ngo-1914.

ingabula zigcawu tshintsha

Eli bali lisekwe kwixesha lodumileyo uKumkani uHintsa kaKhawuta (1789-1835), lingempikiswano phakathi kwamawele asebalini uWele noBabini ngelifa likayise. Ingxoxo yeyokuba ngowuphi ofanele ukujonga izinto zomzi, nanjengokuba bezalwe ngemini enye. Lempikiswano isonjululwa enkundleni yamatyala eyayichotshelwe nguKumkani uHintsa ngenqu.

Abantu-ngabantu beza nobungqina, abaphambili phakathi kwabo nguKhulile oliiyange- umthobo wesithethe semveli, kunye nabazalisikazi ababekhona ngomhla wokuzalwa kwamawele.

Ibali likwangesithethe sengqithi apho umntwana asikwa umnwe. Umzalisikazi uTeyase unako ukunika ubungqina ukuba ngubani imvelatanci ngokujonga ingqithi (linye iwele elinengqithi, leli lizalwe mva). UKhulile uphawula athi isizathu sokuba imvelatanci anikwe ubukhulu, yenziwe indlalifa kungokuba inamava angaphaya kunawabaninawa bayo, kodwa kwimeko yamawele akunjalo.

Ekupheleni kwetyala bobabini abanakwe bayathobelana, ingulo avume ubukhulu bomnye.