Izifundo zoguqulo luhlobo lwezifundo ezisebenzisana nezinye iinkalo zezifundo eziphathelele ezenzululwazi noluntu kunye nayo yonke into ephathelele kumntu zijongene nezifundo zophando ngethiyori enokusetyenziswa, indlela olungachazwa ngayo uguqulo, utoliko okanye zombini ezi ntlobo zoguqulo.

Izifundo zoguqulo zinganika yoguqulo (zimisele imigaqo yoguqulo) okanye ziyichaze; ingcali kwezoguquloo egxininisa kule ndlela yokugqibela yayinguAntoine Berman.

Njengoko ezi zifundo ziquka nezinye iinkalo zezifundo, izifundo zoguqulo ziboleka kakhulu kwezinye iinkalo zezifundo ezihambelana noguqulo. Ezi nkalo ziquka uthelekiso loncwadi, inzululwazi kwezekhompuyutha, ezembali, izifundo ngolwimi, izifundo zefilosofi...