Izinto azimntakaNgqika

Eli qhalo lizekelwe kunyana woNobutho, umkaNgqika, oliqadi lakoSuthu, ogama linguMatwa, obezalana noMaembu noTente. Lo Matwa ubeligosa elikhulu lakulombombo elikhe lawuphethela kakhulu umzi, laza lada laduma lacandizwe nangokukhalipha kwalo, udumo olude lwaya kufikelela nakwaGcaleka. Le nto ingamatwa zizinto ezifanayo zilingana, kuthiwe ke ngamatwa, okanye kuthiwe zitenqwa, zithene totse, kude kutshiwo nokutiwa, zingamatwa totse. Lihl'apho ke eli qhalo. UMatwa lo ubethandawa kunene kulo mzi kaNgqika. Bekukholisa ukuthi xa isincoko singaye, libe bucezelwa igama lakhe ukuthiwa pa, kudle ngokuthiwa:-"Kwathi, kwathi umntakaNgqika." Yaabonakala sel'iguda loo ndawo, yamdumela kanye, wade wangathi nguye yedwa ongumntakaNgqika. Nanamhla uthi owahlula into enkulu kwenye athi:-"Ewe zinkulu zombini, kodwa ke noko azimntakangqika, oko kukuthi, aziMatwa."