UTsolo yenye yeedolophu zephondo leMpuma Koloni kweloMzantsi Afrika. Eli liphondo elalifudula lahlulwe langamaphandle amabini ngexa lengcinezelo eMzantsi Afrika. La maphandle yaye iyiTranskei kunye neCiskei, ohlulwe ngumlambo iNciba. UTsolo lo ke yenye yeedolophu ezaziphantsi kweTranskei ngela lixa. Idolophu okanye isixeko sakuTsolo njengazo zonke ezinye iidolophu zaseTranskei ingqongwe ziilali ezininzi ngolona hlobo lumangalisayo.

Kubantu abaziwayo abaphuma kule dolophu ndingathi ndibalule umbhali weencwadi zesiXhosa owaziwayo uArchibald Campbell Mzolisa Jordan, umbhali wencwadi ethandwa kakhul luluntu iNgqumbo Yeminyanya, owazalelwa wakhulela kwilali iMbokothwane, ekuTsolo.