ULeonardo da Vinci

(Redirected from Leonardo da Vinci)

ULeonardo da Vinci wazalwa ngomhla we-(15 kuTshazimpuzi ngo1452 – waza wasweleka ngomhla wesi-2 kuCanzibe ngo1519) wayeyindoda yomTaliyane owayephila ngexesha le Renaissance. Wayeyincutshe kwizinto ezininzi, kodwa ubukhulu becala wayedume ngokuba ngumzobi. [1] wayekwanguphicothi wamalungu angaphakathi komzimba wesidalwa esiphefumlayo, umntu wezibalo, eyinjineli, ekwangumyili wezinto ezintsha, ingumxhonkxi okanye umqingqi, iarchitect, ibotanist, imvumi kunye nombhali. ULeonardo wayesoloko ethanda ukwazi ngayo yonke into endalweni. Wayefuna ukwazi okokuba zisebenza njani na izinto. Wayeyincuthse xa kuthethwa ngokufunda, eyila, esenza zonke izinto ezinika umdla.[2]

ULeonardo da Vinci

abantu abaniniz bacinga okokuba uLeonardo wayengomnye wabapeyinti abakhulu ngalo lonke ixesha. Abanye abantu becinga okokuba ngoyena mntu unephiwo kubo bonke abantu abaphilayo. .[1] Igcisa kwezembali uHelen Gardner waathi, Akukho namnye ofana naye kuba wayenomdla kwizinto ezininzi, wayebonakala enengqondo yesigebenga, nangoku sisambona njengomntu owayemangalisa. [3]

ULeonardo uzalwa eVinci idolophana kufuphi naseFlorence, eItaly. Wayeqeqeshelwe ukuba ligcisa eqeqeshwa ngumxhonkxi (umqingqi) nokwangumzobi uVerrocchio. Uninzi lweminyaka yakhe uluchithe esebenzela isinhanha saseItaly. Kwiminyaka yakhe yokugqibela, wayehlala kwindlu entle awayinikwa yiKumkani yaseFransi.

ULeonardo wayesenza zonke izinto zengqondo, kodwa wayedume njengomzobi. emibini kwimifanekiso yakhe iphakathi kwemizobo eyaziwa kakhulu ehlabathini: iMona Lisa kunye neLast Supper. Wazoba imizobo emininzi. Owona mzobo waziwayo yiVitruvian Man. ULeonardo wayesoloko ecinga ngokwenza izinto ezintsha. Izinto zakhe awayeziyilile zange zenziwe mntu. Nangona kunjalo siyayazi imibono yakhe, kuba kaloku wayesoloko ezigcina ngokuzibhala encwadini. Wayebhala azobe kuzo rhoqo. Eminye imibono awayenayo yayingophephela, itanki, icalculator, iparachute, irobot, umnxeba, inguquko, kunye namandla elanga.

Ubomi bakhe tshintsha

Ebuntwaneni bakhe, ngo1452 ukuya ku1466 tshintsha

 
Umzobo wakudala kaLeonardo owaziwayo, i-Arno Valley, ngo1473.

Isenokufumaneka kuvimba wezobugcisa iffizi

  1. 1.0 1.1 Vasari, Boltraffio, Castiglione, "Anonimo" Gaddiano, Berensen, Taine, Fuseli, Rio, Bortolon, etc as quoted in della Chiesa, see Bibliography
  2. Template:Citation
  3. "...ingqondo yakhe nobuntu bakhe wayebonakala kuthi njengomntu obuntu bakhe bungaphaya komntu ophilayo, indoda eyayimangalisa kunjalo nje ikude". (Helen Gardner)