Maqoma (1798-1873) waye yinkosi, nentshatsheli yomkhosi yakwaXhosa. Udlale indima enkulu kwiimfazwe yesithandathu neyesibhozo yamaXhosa.[1] Waye dume ngobukhaliphe , nokwazi ukulawula abasemkhosini.

Ingcambhu Yakhe tshintsha

Uzalwe ngonyaka wama-1798 kwindlu yasekunene kaKumkani uNgqika wamaRharhabe. Ebengangqinelelani necebo likayise wakhe lokunikela umhlaba kwiNtshona Koloni (Cape Colony), lonto ibangele ngonyaka wama-1822 adele abankcinezeli ngobuyela nokwakha obakhe ubkhosi kumhlaba wayesikelwe ukuhlukanisa iKoloni namaXhosa.

Imfazwe Yesithandathu tshintsha

 
Empuma Frontier, 1835 ca

Imfazwe yesithandathu yaziwa njengemfazwe yaKumkani uHinsta , kodwa zange iqalwe nguye. Ewe uKumkani uHinsta uncedisile kwelidabi kodwa eyona ngqwayi-ngqwayi yalemfazwe yile ngangalala uNkosi uMaqoma.

Ukubhanjwa tshintsha

uNkosi uMaqoma usiwe kabini ngamarhanuka kwanongqongqo  eRobben Island. Ngexha lokuqala uyewavunyelwa ukuba ahlale nomkake kwaye nosapho, kodwa kwelesibini ubhanjwe yedwa. Igosa lasetshetshi elambona ngemizuzu yakhe yokugqibela ngonyaka wama-1873 lithetha kabuhlungu  lisithi "Ilile kabuhlungu lendoda, phamb'koba iwiswe yingugo nokunxuba".[2]

Imithombo esisele kuwo tshintsha

  1. "Chief Maqoma" South African History Online retrieved March 7, 2013 
  2. Meredith, Martin (1997) Mandela: A Biography Public Affairs Books p. 7