Ronald Wilson Reagan (6 Eyomdumba 1911 - Los Angeles, 5 Eyesilimela 2004) weqonga ekwangumpolitiki wase Melika. Wayekwang uMongameli we-Yunayithedi Steyitsi ukusuka kumnyaka ka-1981 ukuya ku-1989. WayeyeyiRhuluneli yaseCalifornia ukusuka ngomnyaka ka1967 ukuya ku-1975. U-Reagan wayekwangumongameli ngumdlali kumabonakude kwade kwakabini, ukusuka kumnyaka ka-1947 ukuya kunyaka ka-1952 waza waphinda kwakhona ngomnyaka ka-1959 ukuya kunyaka ka-1960.

U-Reagan wazalelwa e-Tampico, Illinois. U-Reagan wasifumana e- Hollywood isiphiwo nemfundo yakhe. Waqala ukuvela kwimidlalo yoomabonakude yangoo-1953 movies. Wazimanya ngeqhina lomtshato nenzwakazi eyayikwadlala lemidlalo yeqonga uJane Wyman ngo-1940. Baza bawuqhawula loo mtshato ngo-1949. Babenabantwana abathathu. U-Reagan waphinda watshata no-Nancy Davis ngo-1952. Banabantwana ababini. Umtshato wabo waqhuba de wasutywa kukufa u-Reagan ngo-2004.

Phambi kokuba aphumelele unyulo lokuba ngumongameli kngo-1980, U-Reagan waqhuba engumongameli izihlandlo ezimbini kungo-1968 nak ngo-1976. Wayengoyena mntu mdala ukonyulwa nje ngomongameli waseUnited States enama-69 eminyaka ubudala. Waziwa njenge’’sithethi esikhulu’’ kuba wayengumntu onobuchule bokuthetha kuluntu. U-Reagan wayesaziwa njengengo’’mongameli ongatshonelwa langa’’ kuba nasiphi na isenyeliso okanye isiqebheyi awayetyabekwa zona azizange zikwazi ukuchaphazela ukuthandwa kwakhe luluntu. nangoku, uReagan usengoyena mongameli othandwa kakhulu ngabantu kwmbali yaseMelika ngenxa yeliso lakhe lethemba ngelizwe laseMelika.