Talk:U-Thuli Madonsela

Ngubani u-Thuli Madonsela tshintsha

UThuli Madonsela nguThulisile Nomkhosi Madonsela, oligqwetha elingungondo-ngqondo nochwepheshe kwezamalungelo oluntu. Ukwangumkhuseli wabemi beli. Wayengomnye weengcaphephe owathi wancedisa kumagqibela kankqoyi oqhulunkqo lomgaqo siseko loMzantsi Afrika kwiminyaka yoo1994-5.

Ngowaphi/ tshintsha

Wazalelwa eGoli ngomnyaka ka1962 waza wakhulela eSowetho. Izalwa ngubani le nzwakazi? Uzalwa nguBafana, uyise kunye nonina uNomasonto,abantu ababephila ngesirhoxwana sabo sokuthengisa. Ucawa phi? U-Thuli NgumSabatha wacawe yamaSabatha ezinze eSowetho.

Ubizo lwakhe ngokwasenkonzweni/ngokwemisebenzi yakhe ayifundeleyo tshintsha

UThuli wangena emsebenzini njengetitshalakazi kwiminyaka yoo-1980. Uthe esuka apho wazibandakanya nemisebenzi yeemanyano njengomcebisi kwiManyano kaZwelonke yee-Printers kunye neeManyano zabasebenzi. -

Imisebenzi adume ngayo njengegqwetha nomkhuseli woluntu tshintsha

Ukuqala kwakhe ngo-2012, uMadonsela uqwalasele isikrokro sokokuba kungahle kuthi kanti inkuntyula yemali yabarhafi iphambukiselwe ngokungekho mthethweni ekuhlawuleleni iindleko zezinto zika Mongameli waseMzantsi Afrika, uJacob Zuma, kwakunye nokwakhiwa kwe"Zumaville", eqikelelwa kwisizumbulu semali engangama-206 ezigidi zeerandi. Kwangaloo nyaka ka-2012, uye wenza uphando ngamahumhum athi uJulius Malema unyengezelwe isinyamfu semali ngamaqhinga athi aphekwa kumsebenzi wexeshana webunjineli owathi wakhutshwa kwisebe lezothutho, waza wanikwa umnntu ekwakucingeleka okokuba ungaphandle kweli sebe.

Return to "U-Thuli Madonsela" page.