Ubuhlobo kukubanobudlelwane obuhle, ombiza ngokuba ngumhlobo. Abantu aba kobu budlelwane bahloniphane bathandane. Ubuhlobo bahlukile kobo bantu abathandanayo; abahlobo bokwenene asibahlobo bathandanayo

Ubuhlobo

Umhlobo ngumntu amthandayo umntu amaziyo. Abantu abangabahlobo bayathetha bazinike ixesha lokuba kunye. Bayancedana xa omnye esengxakini okanye elimele. Abahlobo ngabantu ekunokuthenjelwa kubo. Ngamanye amaxesha abantu ababaxeleli nditsho nabazali babo iimfihlo zabo, kodwa baxelela abahlobo babo. Abahlobo bahla ngothanda izinto ezifanayo. Umhlobo ngumntu oye athande ubuchule bomnye umntu aze amncede okanye amkhuthazeukuze akwazi ukukhetha ngobulumko.