Ukubamb'isisila sehobe

Loo ntetho ithatyathelwe kuba ebesithi umntu akubambisa ihobe ngomgibe nokuba kungezibatha, athi ngokungxama, kanti kanti ulibambe ngesisila, aze athi akulikhulula kanti liyakuthi ngokubhabha sisuke sixhwitheke, liphuluke, libaleke ashiyeke edanile. sekusithiwa umntu ngoku othe waya kucela into kwaba bantu basebenza ezidolophini, aze athenjiswe ukuba uza kunikwa into, kuthiwe makeme endaweni ethile alinde lo gama asasebenzayo omnye, wobuye eze kumbona, aze kanti loo mntu esitsho nje uyakuphuma ngomnyango (Kwezi zindlu ziminyango mininzi zasemlungwini)emke amshiye, abe yena umceli lowo emi kuloo ndawo elindile. athi ngokubona ukuba kuyahlwa uwabo engafiki, ade askuke emke ngokudinwa, athi xa loo nto ayixela kwabanye, "UNantsi uthe wandithembisa wathi mandilindele ekuthini, ukanti esitsho nje, undibambisa isisila sehobe. Lifana neli lithi, 'undibambise iliwa.'