Umntu ekuthiwa ubhed'idlaba ngumntu othe ebenzelwe ububele, wonyulwa engxakini, wongululwa, wancedwa ebeselusizini, wancedwa ebesengxakini, wahlangulwa ekufeni nasendlaleni, aze athi mhla waphumelela, akusinda, akuphila, akuba ngumntu, angakhathali angabonisi nombulelo kuloo mntu amncedileyo. Asuke amchase, amthiye, angabinabudlelwane naye, endaweni yoko abelutshaba lwakhe, ancedisane nentshaba zaloo mntu amncedileyo abe lutshaba lomncedi wakhe naye. kuthiwa umntu onjalo ubhed'idlaba.

Xa umntu ebhed'idlaba ngamanye amazwi ungukhuka kampethu, kukujika ubinze (ugwaze) kwasenkosini yakho, uzithimbe njengoQeto ethimba iinkomo zikaTshaka ukumka kwakhe phantsi kolawulo lwaloo nkosi, ukuze nje ade athi uDingana, Loo mntu ufanelwe kukubulwa angadli bomi kuba enguBhed'idlaba into engenambulelo.

Eli qhalo lifundisa ukuba kufuneka singabangcathi kwaye singabajikeli abo bathe basinceda kuba kaloku bona babe zintaka ezakha ngoboya benye bazihlamba izandla zethu koko nathi kufuneka sihlambe ezabo.