Ukucinezeleka kwamanina

UKUBHIYOZELA USUKUKU LWAMANINA tshintsha

Namhla kunzima imithombo yokusela itshile, amaqaji awile, intsik' inqunyulwe, amanz' abalek' emqolo bubushushu, kumathumb' omhlaba; kuzizijwili zizikhalo umhla nezolo. Yhini na ukuba umfazi aphatheke kakubi kwi'zwe lakowabo! Yhini na ukuba ibhinqa lilahleke likowalo! Ngomhla we-9 kweYoMsintsi (Agasti) kubhiyozelwa usuku elabekwa bucala, libekelwa omama kanti bazolala beqamelele ngeenyembezi umhla nezolo. Amanina ahlukunyezwa emzimbeni nasemphefumlweni; balala ngegqudu bavuke ngalo; ngamaxhoba odlwengulo kwilizwe ngokubanzi; ngamaxhoba amasiko akwantu; ngamaxhoba ocalu-calulo emisebenzini.

INKULULEKO tshintsha

Ewe, inkululeko ize nenguqu kwilizwe jikelele kodwa ke inyaniso yile yokuba amanina aphila impilo yobuntshontsho mihla le; basoloko benoloyiko lokudlwengulwa ngamadoda. Kunamhlanje ibhinqa kunzima ukuba lithembe indoda kwaye nendoda sele inentliziyo yezilwanyane, kuba udlwengulo lwamabhinqa lubonakalisa ukuba siphila kwilizwe elikhohlakeleyo; apho abantu banemimoya yongendawo. Yhini na ukuba umntu amtyashele phaa omnye umntu! Yhini na ukuba inzala ka-Adam ijikelane, sikhohlisane kwa sodwa. Eli lizwe kanti libhekise phi na? Udlwengulo ludala umonakalo omkhulu engqondweni kuba ngalo lonke ixesha, inkumbulo yosuku lodlwengulo ihlala ithi tha okwe ntlantsi yomlilo engqondweni yexhoba leso senzo sibi.

AMASIKO NEZITHETHE ZIDLAL'INDIMA tshintsha

Ukuthotyelwa nokulandelwa kwamsiko kunegalelo nefuthe elikhulu ekuhlukunyezweni kwamanina,isiko elaziwa nelihlonelwa kakhulu kwaXhosa,isiko lokuthwalwa kwamabhinqa aselula.Eli siko liyasiphazamisa isimo somntu obhinqileyo kuba amaxesha amaninzi ibhinqa lona lisube lingakulungelanga ukuba lingazibandakanye emtshatweni ngezizathu zokube lingekakhuli engqondweni nasemzimbeni nto leyo ethi ibangele ukuba lo mtshato ube sisihogo sasemhlabeni.Unobangela mnye ke kuba uzube etshatiswe nesixhiliphothi sendoda kwaye uthando lungesiso isisekelo salo mtshato wesosibini.

UKUPHATHEKA KAKUBI KWAMANINA EMITSHATWENI tshintsha

Olucinezelo luhamba indlela ende kwaye lide ibali ngempatho mbi yamabhinqa kodwa libuhlungu kwaye alinambitheki elokuphathwa kwabo gadalala emitshatweni.Mandulo phaya ngexesha lokhokho, umfazi wayengakhuzwa ngegqudu,ingxaki zazisombululwa ngokuba kuhlalwe phantsi kuvezwe edla umzi.Namhlanje omama ngamaxhoba othando emitshatweni yabo,abadoda azintloko nenkokheli ezikhokhelela kwantshabalala.yhini na ukuba umqolomba angabi nalo igunya kwiingxaki zomtshato wakhe,yhini na ukuba abantwana babantu baphele ngugawulayo besemitshatweni,bavalwa imilomo ngentonga.

ISISOMBULULO SENGCINEZELO YAMANINA tshintsha

Sinye isisombululo kule ngxaki itshabhisa isizwe somz'ontsundu.Iinkqubo ezixhobis'abafazi ngamalungelo abo emisebenzini,emakhaya,kuzo zonke indawo kunyanzelekile ukuba ziqalwe ngurhulumente khon'ukuze lehle izinga lamaxhoba okucinezeleka kweli loMzantsi afrika.Ngokwenza oku isizwe sabafazi abakhululekileyo singabonakala kwaye kubekho ukulingana phakathi kwamadoda nabafazi.

Bona noku tshintsha

  • Senior Project Manager- Ending Violence against Women and Girls
  • Workshops designed to empower African-American women

[1]

References tshintsha

 
Amaxhoba obundlobongela(8517217037)
 
Iindawo eziphangaleleyo ezikhuselekileyo apho abantwana bangazonwabela khona (8516527811)