Ukusilelwa isidudu semfe
Usilelwe isidudu semfe INTSUSA : Isidudu kwa Xhosa besi setyenziswa kakhulu kwindidi zonke zezifo ungade ubone nempahla isityiswa isidudu xa igula, kulingwa nokufa ngaso. Esemfe ke isidudu besi senzelwa umntu ofayo sisisu, kuba sikrakra ebede akruquke angabi namdla wakusiphinda. INTSINGISELO: Le ntetho ibhekiswa nakubani okruqukileyo yilonto ithile