Ukuvana amandla kwamaqela

Ukuvana amandla kwamaqela amabini (ukwaziwa ngokuba yitug o' war, tug war, imfazwe yentambo, ukutsalwa kwentambo, okanye imfazwe yokutsalana) ngumdlalo phakathi kwamaqela amabini nangaphezulu, ilelo iqela lisilwela impumelelo yalo kukhuphiswano lwamandla: Iqela ngalinye litsalela kwelayo icala ekupheleni kwentambo leyo itsalwayo, lize nelinye litsalele kwelinye icala lokuphela kwale ntambo, injongo yeqela ngalinye kukuvula umsantsa ngale ntambo ngokuyitsalela kulo ngamandla liyitsala kwelinye iqela ekukhutshiswana nalo nalo elo qela litsala ngamandla ukuze kucace elinamandla kuwo.

Isichazi magama sesiNgesi sakwa Oxford sithi intetho ethi "ukuvana kwamandla kwamaqela" ngokwentsusa kuthetha "ukukhuphiswano lwesigqibo; umlo wokwenene okanye umlo wamandla; ukhuphiswano olumandla lokongamela". Kukwinkulungwane ye-19 yeminyaka kuphela apho le ntetho yayisetyenziswa kukhuphiswano lweembaleki phakathi kwamaqela amabini awayetsalana ngentambo kwicala ngalinye ekupheleni kwayo. [1]

Imvelaphi

tshintsha
 
Ukuvana amandla phakathi kwamaasura namadeva. [2] (Angkor Wat, Cambodia)

Imvelaphi yomdlalo wokuvana amandla akuqinisekwanga ngayo, kodwa lo mdlalo wawusenziwa kwiJiphethe yakudala, kwisiGrike naseChina, kulapho wawubanjwe khona lo mdlalo njengembali eyayibonisa ukuvana amandla kwelanga nenyanga.

Ngokwencwadi esihloko sayo sithiTang dynasty, nesithiThe Notes of Feng, ukuvana mamandla, phantsi kwegama elithi "hook pulling" (牽鉤),lalisetyenziswa yiNkomanda yomkhosi karhulumente waseChu ngamaxesha ebusika nasentwasahlobo

Ukukhangela

tshintsha
  1. Oxford English Dictionary
  2. The bas-relief of the Churning of the Sea of Milk shows Vishnu in the centre, his turtle avatar Kurma below, asuras and devas to left and right, and apsaras and Indra above.