Ulutsha luthe bhazalala ezindywaleni

Ulutsha lugcwele kwiindawo zentselo

tshintsha
 
iindawo zentselo

Kuthe ngampelaveki ithile ndake ndatyelela ezinye zeendawo zentselo apha e Bloemfontein. Kukho isitalato esiyindumezweni esibizwa ngokuba yi "Second Avenue" kulapho ke kujulwi'bhatyi khona, kujuxuzwa kuphume elangomso ilanga. Zonke izini zamnkelekile, kodwa into eye yahlaba umxhelo kukuba nabani na wamnkelekile ukungena apha ngaphandle kokuba kujongwe isazisi somntu ngamnye ukuba uselungelweni na. Kubelusizi ukubona iintsana nazo zingena kulendawo yeziyolo ngaphandle kokuhlolwa. Kwilizwe apho ukhuselelo lwabasetyhini lunqongopheleyo ndizive ndibamba amazinyo. Umbuzo wam ingaba yena urhulumente udlala galelo lini kwimiba enje? okanye umntu ngamnye uyazibonela? sapho ngalunye luqoqosha intsapho yalo?. Ngokokwam ukucinga ulutsha luzibhubhisa ngotywala kuba bufikeleleka lula kubo, ngoko ke ukuqiniswa kwemithetho kungenza umohluko.

Yona ke iminyhadala yenyanga ka wayidlokova (December) kulapho urhulumente abeka phantsi iintambo khona kangangendlela ekwenzeka ngayo. Ungafunga ukuba abantu abatsha ikhona into ebatyayo abangayixeleli mntu ngangendlela abazintyintya ngayo ngotywala. Manintsi amatyala avuliweyo amabinqa anabele uqaqaqa okanye adlwengulwa kube bekukho impembelelo ethile yotywala phakathi. Phambili phaya abantu abatsha babegcwele ezicaweni, namhlanje bagcwele kwiindawo zentselo, ingaba konakele phi?. Lo ngumbuzo ekufanele siwuphendule sonke. KONAKELE PHI?.Iziganeko ezifana nesase Nyobeni zenzeka ngenxa ymethetho ka rhulumente engekho ngqingqwa. [1]

Intselo Nyobeni NightClubs

  1. "Funeral held for 21 teenagers who mysteriously died at nightclub in South Africa: "We do not know yet exactly what killed our children" - CBS News" www.cbsnews.com (in en-US) 2022-07-06 retrieved 2024-11-20