Umlenze
Umlenze yinto esetyenziselwa ukuxhasa izinto; ukuzibamba zingawi. Iintaka kunye nabantu zinemilenze emibini. Ezinye izinto,yimilenze. umzekelo, iitafile nezitulo, nazo zixhaswa yimilenze.
Izikwanyana zona zidla ngokuba nemilenze emi-2 nemi-4 (izilwanyana ezizii-vertabrates, zaziwa njengezilwanya ezinethambo lomqolo), okanye 6, 8, okanye 12 (ii-arthropods, umzekelo ziizinambuzane kunye nezigcawu). Ii-Centipedes kunye nee-millipedes zinothotho lwemilenze emininzi, kodwa ke ayide ibengamakhulukhulu okanye amawaka emilenze njengoko amagama azo esenza okokuba abantu abangazaziyo ezi zilwanyana bacinge okokuba kunjalo. Abantu bona banemilenze emi-2, ethi iphelele yakuba neenyawo.
i-Biped sisilwanyana esinemilenze emibini ize yona i-quadruped ibe sisilwanyana esinemilenze emine.
Abantu abantetho isisiNgesi basebebzisa igama elithi "mlenze" kwizafobe, umzekelo:
- awunamlenze wakuma (oko kuthetha okokuba "awunankxaso; awunanxaxheba kule ngxoxo")
- ukuyibeka ngomlenze (ukubaleka)
- ukutsala omnye umntu ngomlenze (ukumqhula ngenjongo zokudlala ngokuthi ubonise okokuba kukho into engenabunyani)