Ukwenza ”umlinganiselo” wento kuxa iimpawu ezithile zento zinikwa inombolo. Ukwenza umlinganiselo wento kukubeka ubungakanani bayo ngamanani. Umlinganiselo ungabhalwa ngokuthi kusetyenziswe izinto ezininzi ezahlukileyo .

Yintoni ekungenziwa kuyo umlinganiselo?

tshintsha

Izinto ezininzi kungenziwa kuzo umlinganiselo. Ezinye zeempawu zezinto ekungenziwa kuzo umlinganiselo:

  • Umgama: Umzekelo, imilinganiselo yomgama ingasetyenziswa ukuphendula le mibuzo ilandelayo:
    • Ikude kangakanani idolophu xa ulapha?
    • Zahlukene kangakanani le mithi?
    • Lude kangakanani olu luthi?
  • ‘’Ubunzima” : Umzekelo, umlinganiselo wobunzima ungasetyenziswa ukuphendula le mibuzo ilandelayo;
    • Yeyiphi eyona inzima , leli qela leapile leeapile okanye elaa qela lebanana leebanana?
    • Ingaba ukubeka eli litye kwesi sikhephe kwenza isikhephe sizike?
  • Izinga lobushushu”: Umzekelo, imilinganiselo yobushushu ingasetyenziselwa ukubuza lemibuzo ilandelayo:
    • Ingaba kushushu namhlanje eLondon kunaseParis?
    • Ingaba lo mkhenkce ujika ubengamanzi ukuba ndiwufaka ngaphakathi.
    • Ingaba uSally uyagula? Ingaba uSally unefiva?/uyagula?
  • Ubungakanani”: Umzekelo, umlinganiselo wobungakanani ungasetyenziselwa ukubuza le mibuzo ilandelayo;
    • Mangaphi amapheyile amanzi endiwafunekayo ukuze ndigcwalise ibhafu?
    • Ingakanani i-olive oyile endiyigalela koku kutya ndikwenzayo.
    • Zingakanani iibhloko endingazifaka kule bhokisi?
  • Uxinzelelo lomoya” Uumzekelo, umlinganiselo woxinzelelo lomoya ungasetyenziselwa ukuphendula le mibuzo ilandelayo;
    • Mngakanani umoya endimelwe kukuwufaka kwelikule nqwelo vili lemoto?
    • Ingaba izulu lizakuhlala lizolile okanye ingaba sizakuba nesichotho?
    • Ingaba iindlebe zam ziyakuva xa ndinyuka laa ntaba?

Ungenza umlinganiselo wezinto ezininzi.

Izinto ekwenziwa kuzo umlinganiselo

tshintsha

Uninzi lweempahla xa kusenziwa umlinganiselo wazo kusetyenziswa inombolo kunye [[i-unit of measurement nento yomlinganiselo. Into yomlinganiselo sisixa esimisiweyo. Inombolo ithelekisa impahla kwesa sixa simisiweyo. Oko kuthetha okokuba umthi obude bawo buzimitha eziphindwe kalishumi kuleyo yoluthi ebude buimitha ubude bawo buzimitha ezili-10.

Kukho umba we-mathematics okumgangatho ongasentla, omalunga nokwenziwa komlinganiselo wezinto ngophawu olungaqhelekanga. Lo ke umlinganiselo kuthiwa lulwazi ngomlinganiselo. Umlinganiselo ungakukulingana, ubude bento, okanye bomgama, njalo njalo.