Eli qhalo lizekelwe ekubeni umntu esithi nokuba ebeyimbaleki enjani, nobebulala abantu ngamendu akuhamba umhlaba, nobelithwazi elinjani na ukukhawuleza entweni, mhla ahliwe ngumtha wedolo ubeshiywa nazizinyola, neziqhuza, ekuhambeni nasekubalekeni; abethi ke ngoko osukuba ebedumele oko, akuxakeka namhla ngenxa yeentlungu ezisedolweni, alile ngelithi: Ndinomtha wedolo. sel'ethethelwa zonke iingxakeko ezimxakayo ngoku umntu. utsho olihlwempu akuposwa ngamadini angeyeba uyawenza ukuba ebenezinto, ukuthi, akuva iminzwi yomnqweno wentliziyo, engeyeba ubeyenza ngokuchwayita, ukuthi:-Awu! koko ndinomtha wedolo.